Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Kapetros 5:6-14 Ibhayibhile (XHO96)

6. Ngoko ke zithobeni phantsi kwesandla sikaThixo esinamandla; yena ke uya kuniphakamisa ngexesha elifanelekileyo.

7. Ziphoseni kuye zonke iingxaki zenu; kaloku nguye onalusayo.

8. Hlalani nithe qwa, nilumke! Kaloku ummangaleli wenu umtyholi ugquma njengengonyama. Uyajikeleza; uzingela umntu angamqwengayo.

9. Yimani ningahexi elukholweni, nimchase. Khumbulani ukuba namanye amakholwa athubeleza kwiimbandezelo ezikwanjalo apha emhlabeni.

10. Kodwa ke, emva kwezo mbandezelo zomzuzwana, uThixo umthombo wesisa owanibizayo ngokumanywa kwenu noKrestu, khon' ukuze nibe nenxaxheba kubuqaqawuli bakhe obungapheliyo, uya kunihlaziya anomeleze, anixhobise, nime ngxishi.

11. Kaloku akuye amandla ngoku nangonaphakade. *Amen.

12. Ngoncedo lukaSilas, ikholwa elithembekileyo njengoko ndiqonda, ndinibhalele le ncwadana ndinikhuthaza. Ngokunjalo ndiyangqina ukuba esi sisisa sikaThixo ngenene. Ngoko ke yimani kuso ningahexi.

13. Liyabulisa ibandla eliseBhabheli, nalo linyuliwe nguThixo njengani. Uyanibulisa nonyana wam uMarko.

14. Bulisanani niqhutywa luthando. Makube luxolo kuni nonke nina bakaKrestu!

funda isahluko epheleleyo 1 Kapetros 5