Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Kapetros 4:5-13 Ibhayibhile (XHO96)

5. Kambe ke baseza kunika ingxelo kulowo uhlalele ukugweba abahleliyo nabafileyo.

6. Naso isizathu esabangela ukuba iindaba ezimnandi zishunyayelwe nakwabo bafileyo ngoku. Ewe, zashunyayelwa nakwabo babegwetyiwe njengamntu wonke, khon' ukuze ngokoMoya baphilele uThixo.

7. Kuzo zonke izinto isiphelo sisemnyango. Ngoko ke hlalani nisezingqondweni, nikuqulele ukuthandaza.

8. Ngaphezu koko ke hlalani nithandana, kuba kaloku uthando luyazingcwaba izono.

9. Belezelanani ningenasikrokro.

10. Umntu onikwe isiphiwo esithile nguThixo makasisebenzise ekuncedeni abanye, njengegosa lokwaba isisa sikaThixo esintlobo-ntlobo.

11. Oshumayelayo makamele uThixo. Oncedisayo makancedise ngamandla awaphiwa nguThixo. Zonke izinto zenzeleni ukuze kunconywe uThixo ngenxa kaYesu Krestu. Kaloku sesakhe isidima namandla nanini nanini. *Amen.

12. Zihlobo zam, sanukumangaliswa yile ngcinezelo ingaka niphantsi kwayo, ngokungathi nibona umhlola.

13. Ndaweni yaloo nto vuyani kuba nani ninenxaxheba kwingcinezelo kaKrestu; nto leyo iya kunenza nichulumache ngakumbi ngomhla wokubonakala kobungangamsha bakhe.

funda isahluko epheleleyo 1 Kapetros 4