Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Kapetros 4:11-19 Ibhayibhile (XHO96)

11. Oshumayelayo makamele uThixo. Oncedisayo makancedise ngamandla awaphiwa nguThixo. Zonke izinto zenzeleni ukuze kunconywe uThixo ngenxa kaYesu Krestu. Kaloku sesakhe isidima namandla nanini nanini. *Amen.

12. Zihlobo zam, sanukumangaliswa yile ngcinezelo ingaka niphantsi kwayo, ngokungathi nibona umhlola.

13. Ndaweni yaloo nto vuyani kuba nani ninenxaxheba kwingcinezelo kaKrestu; nto leyo iya kunenza nichulumache ngakumbi ngomhla wokubonakala kobungangamsha bakhe.

14. Nithamsanqelekile ukuba niyathukwa ngenxa yokuba ningabakaKrestu. Kaloku loo nto icacisa ukuba uMoya osinika isidima, onguMoya kaThixo, unifukamele.

15. Xa nibandezeleka makungabi ngenxa yobugwinta, ukûba, ubuqili, okanye ukuphixanisa.

16. Kodwa ke ukuba umntu ubandezeleka kuba engumKrestu, makangabi nazintloni, koko makadumise uThixo ngenxa yelo gama.

17. Kaloku lifikile ixesha lokuba umgwebo uqale; ibe ke uza kuqala endlwini kaThixo ngenkqu. Ukuba ke uqala kuthi, soba yintoni ke isiphelo sabo bangavumiyo ukuzithobela iindaba ezimnandi zikaThixo?

18. Njengoko *neziBhalo zisithi:“Nelungisa eli lisindiswa nzima.Kobeka phi ke kumqhankqalazi nomoni?”

19. Ngoko ke abo babandezeleka kuba uThixo ethanda, mabazinikele ngokupheleleyo ngemisebenzi emihle kuMdali wabo, kuba usoloko ethembekile.

funda isahluko epheleleyo 1 Kapetros 4