Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Kapetros 4:1-12 Ibhayibhile (XHO96)

1. Njengoko noKrestu wamelanayo nale ntlupheko yalo mhlaba, ngokunjalo ke nani zimiseleni, nifuze yena. Kaloku umntu ocikidiweyo yintlupheko uyalumleka esonweni,

2. aze athi ke ngexesha asenalo emhlabeni angaphileli ukwanelisa iminqweno yesimo esidala, koko aphilele ukwenza oko kuthandwa nguThixo.

3. Ngoko ke lanele elaa xesha nilidlele ebuhedenini. Kaloku ngoko naningooandikhathali, nibawa, ninxila, nithanda iziyunguma; naningamakhoboka embarha; naninqula ngendlela elisikizi.

4. Oontangandini ngoku bathe nqa kuba ningasahambi nabo kobo bundlobongela bokuzibhubhisa. Yiyo le nto baninyelisayo.

5. Kambe ke baseza kunika ingxelo kulowo uhlalele ukugweba abahleliyo nabafileyo.

6. Naso isizathu esabangela ukuba iindaba ezimnandi zishunyayelwe nakwabo bafileyo ngoku. Ewe, zashunyayelwa nakwabo babegwetyiwe njengamntu wonke, khon' ukuze ngokoMoya baphilele uThixo.

7. Kuzo zonke izinto isiphelo sisemnyango. Ngoko ke hlalani nisezingqondweni, nikuqulele ukuthandaza.

8. Ngaphezu koko ke hlalani nithandana, kuba kaloku uthando luyazingcwaba izono.

9. Belezelanani ningenasikrokro.

10. Umntu onikwe isiphiwo esithile nguThixo makasisebenzise ekuncedeni abanye, njengegosa lokwaba isisa sikaThixo esintlobo-ntlobo.

11. Oshumayelayo makamele uThixo. Oncedisayo makancedise ngamandla awaphiwa nguThixo. Zonke izinto zenzeleni ukuze kunconywe uThixo ngenxa kaYesu Krestu. Kaloku sesakhe isidima namandla nanini nanini. *Amen.

12. Zihlobo zam, sanukumangaliswa yile ngcinezelo ingaka niphantsi kwayo, ngokungathi nibona umhlola.

funda isahluko epheleleyo 1 Kapetros 4