Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Kapetros 3:8-20 Ibhayibhile (XHO96)

8. Ndiphetha ngelithi: Velanani, nibe moya mnye. Thandanani, nenzelane ububele, nilulamelane.

9. Ningakhuphani zixhiba, nigwexane. Ndaweni yaloo nto thethani ngobulali. Eyona nto nibizelwe yona yeyokuba nifumane ilifa leentsikelelo,

10. nanjengoko zitshoyo *iziBhalo ukuthi:“Lowo unga angabudla ubomi abe nenkqubelamakazilumle ekuthetheni kakubi,ayeke ukuthetha ubuxoki.

11. Makahlukane nobubi, enze okulungileyo;makaphuthume uxolo, ahlale kulo.

12. Kaloku iNkosi iyawajonga amalungisa,iyiphulaphule imithandazo yawo.Kodwa iyabafulathela abenzi bobubi.”

13. Ngubani onganenzakalisayo xa nisenza okulungileyo?

14. Phofu ke, nokuba ningatshutshiswa ngenxa yokwenza okulungileyo, ikwalithamsanqa naloo nto. Ze ningoyiki nina, ningaxhali nokuxhala oku.

15. Hlonelani iNkosi uKrestu ehleli kuni ngaphakathi, nihlale nilungele ukuphendula nabani na onibuza ngethemba eniqamele ngalo.

16. Kodwa loo nto ze niyenze ngobulali nangembeko, ningenasazela nganto, ukuze nokuba niyanyenjwa, abo banihlebayo badane ngenxa yendlela eniziphethe ngayo ukulandela uKrestu.

17. Kaloku kungcono ukutshutshiswa ngenxa yobulungisa, xa kuyintando kaThixo oko, kunokutshutshiselwa izenzo ezibi.

18. Andithi noKrestu wafela izono zethu kwaba kanye qwaba! Yena elilungisa nje wafela thina boni, esisondeza kuThixo! Wabulawa, kodwa wavuka ngoMoya kaThixo,

19. waza waya kushumayeza imiphefumlo eseluvalelweni.

20. Abo ke ngabo bantu bangazange bamthobele uThixo naxa wayebanyamezele ngemihla kaNowa. Ngabantu abambalwa nje – isibhozo kuphela – abasindiswayo ngamanzi.

funda isahluko epheleleyo 1 Kapetros 3