Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Kapetros 3:18-22 Ibhayibhile (XHO96)

18. Andithi noKrestu wafela izono zethu kwaba kanye qwaba! Yena elilungisa nje wafela thina boni, esisondeza kuThixo! Wabulawa, kodwa wavuka ngoMoya kaThixo,

19. waza waya kushumayeza imiphefumlo eseluvalelweni.

20. Abo ke ngabo bantu bangazange bamthobele uThixo naxa wayebanyamezele ngemihla kaNowa. Ngabantu abambalwa nje – isibhozo kuphela – abasindiswayo ngamanzi.

21. Wona angumqondiso owalatha ubhaptizo olusindisa nina ngoku. Ubhaptizo alukuko ukuhlanjwa kokungcola komzimba, lusisithembiso esenziwa kuThixo ngomxhelo wonke. Lusindisa ngamandla okuvuka kukaKrestu

22. owenyukela ezulwini, ohleli ewongeni ngakuThixo, elawula zonke izithunywa zezulu nooziphathamandla noomagunya bakhona.

funda isahluko epheleleyo 1 Kapetros 3