Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Kapetros 3:11-21 Ibhayibhile (XHO96)

11. Makahlukane nobubi, enze okulungileyo;makaphuthume uxolo, ahlale kulo.

12. Kaloku iNkosi iyawajonga amalungisa,iyiphulaphule imithandazo yawo.Kodwa iyabafulathela abenzi bobubi.”

13. Ngubani onganenzakalisayo xa nisenza okulungileyo?

14. Phofu ke, nokuba ningatshutshiswa ngenxa yokwenza okulungileyo, ikwalithamsanqa naloo nto. Ze ningoyiki nina, ningaxhali nokuxhala oku.

15. Hlonelani iNkosi uKrestu ehleli kuni ngaphakathi, nihlale nilungele ukuphendula nabani na onibuza ngethemba eniqamele ngalo.

16. Kodwa loo nto ze niyenze ngobulali nangembeko, ningenasazela nganto, ukuze nokuba niyanyenjwa, abo banihlebayo badane ngenxa yendlela eniziphethe ngayo ukulandela uKrestu.

17. Kaloku kungcono ukutshutshiswa ngenxa yobulungisa, xa kuyintando kaThixo oko, kunokutshutshiselwa izenzo ezibi.

18. Andithi noKrestu wafela izono zethu kwaba kanye qwaba! Yena elilungisa nje wafela thina boni, esisondeza kuThixo! Wabulawa, kodwa wavuka ngoMoya kaThixo,

19. waza waya kushumayeza imiphefumlo eseluvalelweni.

20. Abo ke ngabo bantu bangazange bamthobele uThixo naxa wayebanyamezele ngemihla kaNowa. Ngabantu abambalwa nje – isibhozo kuphela – abasindiswayo ngamanzi.

21. Wona angumqondiso owalatha ubhaptizo olusindisa nina ngoku. Ubhaptizo alukuko ukuhlanjwa kokungcola komzimba, lusisithembiso esenziwa kuThixo ngomxhelo wonke. Lusindisa ngamandla okuvuka kukaKrestu

funda isahluko epheleleyo 1 Kapetros 3