Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Kapetros 2:11-24 Ibhayibhile (XHO96)

11. Ndiyanibongoza, zihlobo zam, kaloku niziimbacu nabaphambukeli kweli lizwe! Ngoko ke phikisanani nayo iminqweno yesimo senu esidala. Kaloku yona ilwa nani ziqu.

12. Izimilo zenu mazibe zihle kangangokuba nabahedeni baniqonde ukuba aninabala. Xa kunjalo ke baya kuthi nokuba bayanityhola ngokungcola, babuye bavume ukuba nimsulwa. Ngaloo ndlela ke baya kumdumisa uThixo ngomhla wokufika kwakhe.

13. Ngenxa yeNkosi wathobeleni onke amagunya akhoyo. Ukumkani mthobeleni njengowongamileyo,

14. nerhuluneli njengomphathiswa wakhe wokohlwaya abonayo, ancome abo balungisayo.

15. Kaloku uThixo ufuna ukuba nithi ngenxa yezimilo ezihle nibatsho basikwe umlomo abo bangaqondiyo, ndawonye nezibhanxa.

16. Ziphatheni njengabantu abakhululekileyo. Kambe ke inkululeko leyo mayingabi lokhusi lokungcola; koko ziphatheni njengezicaka zikaThixo.

17. Hloniphani wonke umntu; wathandeni amakholwa, nimoyike uThixo, nimthobele osemagunyeni.

18. Nina zicaka, bahlonipheni abo baniqeshileyo, nibathobele kangangoko. Le nto ke sanukuyenza kwabo banobubele nobuntu kuphela, koko yenzeni nakwabo bakhohlakeleyo.

19. Kaloku uThixo uyamthamsanqelisa umntu onyamezela ingcinezelo engonanga, kuba elangazelela okuthandwa nguThixo.

20. Ewe, kaloku umntu akafumani nqaku xa enyamezela isohlwayo ngenxa yesono asenzileyo. Kodwa ke ukuba ùnyamezela ukuphatheka kabuhlungu naxa ungenzanga bubi, uThixo ungakuwe.

21. Kakade nabizelwa loo nto; kaloku uKrestu waphatheka kabuhlungu ngenxa yenu, waza ngaloo ndlela wanishiya nomzekelo, ukuze nina nihambe ekhondweni lakhe.

22. Yena zange one, engazange wakhohlisa.

23. Naxa wayengcikivwa wayengaphindisi angcikive. Ngexesha lokuphatheka kabuhlungu akazange aqalekise, koko imeko yakhe wayinikela kulowo ugweba ngobulungisa.

24. Izono zethu wazithathela kuye siqu, waxhonywa nazo emnqamlezweni, khon' ukuze thina siyeke ukuphilela ukona, koko siphilele ukulungisa. Ninyangwe ngamanxeba akhe.

funda isahluko epheleleyo 1 Kapetros 2