Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Kapetros 2:1-5 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ngoko ke yahlukanani nazo zonke ezi zinto: uchuku, inkohliso, ukuzenzisa, nomona, nako konke ukuphixanisa!

2. Njengamakholwa aseziintsana langazelelani ubisi olungangxengwanga: ndixela ilizwi likaThixo eliya kunikhulisa nide nisindiswe.

3. “Kaloku senibungcamle ububele beNkosi,” njengoko *neziBhalo zisitsho kakade.

4. Yizani eNkosini! Kaloku yona lilitye eliphilayo eladelwayo ngabantu; kambe ke lichongiwe, laye lixabisekile kuThixo.

5. Yizani kaloku nani nibe ngamatye okwakha indlu kaMoya, khon' ukuze nibe ngababingeleli abanyulu bokwenza amadini kaMoya, amkelekileyo kuThixo ngenxa kaYesu Krestu.

funda isahluko epheleleyo 1 Kapetros 2