Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Kapetros 1:19-25 Ibhayibhile (XHO96)

19. Nahlawulelwa ngegazi elixabisekileyo leXhwane elinguKrestu ongenasisihla nasiphako.

20. Wanyulwa nguThixo, lingekadalwa ihlabathi, wabonakala ngenxa yenu kule mihla yokugqibela.

21. Ke ngoku niyakholwa kuThixo ngenxa yakhe. Ke uThixo wamvusa ekufeni, wamnika iwonga, ukuze nijonge kuThixo ngethemba nangokholo.

22. Njengoko ke nithe ngenxa yokululamela inyaniso nenziwa nyulu ukuze nithandane ngokwabazalanayo, thandanani ke ngoko ngokungazenzisiyo.

23. Kaloku nizelwe ngelizwi likaThixo ophilayo, ongunaphakade, naba ngabantwana balowo ungasoze afe.

24. Zitsho neziBhalo ukuthi:“Umntu unjengengca,nodumo lwakhe lunjengentyatyambo yengca.Iyabuna ingca, ivuthuluke intyatyambo,

25. kodwa lona ilizwi leNkosi lihlala lihleli.”Elo lizwi ke lelo nalishunyayezwa ngeendaba ezimnandi.

funda isahluko epheleleyo 1 Kapetros 1