Testamente Endala

Testamente Entsha

Uzakariya 9:1-6 Ibhayibhile (XHO96)

1. Nalu udaba olindilisekileyo,nditsho ilizwi *likaNdikhoyoelichasene nelizwe laseHadraki.Lona luya kuyifikela iDamasko,kuba kaloku amehlo kaNdikhoyo akuluntu lonke,nkqu nazo zonke izizwe zikaSirayeli.

2. Luza kuyifikela iHamati esemideni,lutsho kwiTire neSidon,nangona zilumkile kakhulu.

3. ITire yona izakhele inqaba.Isiliva iyifumbe ngathi luthuli,igolide ngathi yinkunkuma yesitalato.

4. UNdikhoyo uza kuyohlutha yonke into enayo,awaphelise amandla enawo elwandle.Yosuka ilenywe ngumlilo.

5. IAshkelon yobona inkwantye,iGaza izibhija-bhije ikhwina ziintlungu.Nethemba le-Ekron ngokwayo lovuthuluka.IGaza yona yophulukwa yikumkani yayo,iAshkelon itsho ilil' ibhungane.

6. IAshdode yomiwa yimigqakhwe;ndolinqamla ikratshi lamaFilistiya.

funda isahluko epheleleyo Uzakariya 9