Testamente Endala

Testamente Entsha

Uzakariya 8:8-20 Ibhayibhile (XHO96)

8. Ewe, ndobabuyisa beze kuma eJerusalem. Bona baya kuba ngabantu bam, mna ndibe nguThixo wabo, ndinyaniseke kubo, ndibaphathe ngobulungisa.”

9. Utsho uNdikhoyo onamandla onke ukuthi: “Maziqine iingalo zenu, niyakhe indlu yonqulo, nina eniwevayo la mazwi athethwayo ngabashumayeli ababekho xa kwakubekwa isiseko sendlu kaNdikhoyo onamandla onke.

10. Ngaphambi kwelo xesha bekungekho mali yakuqesha mntu okanye silwanyana. Wonke umntu ohambayo ebesemngciphekweni weentshaba. Kaloku ndabenza abantu bonke elowo achasane nommelwane wakhe.

11. Kambe ke ngoku amasalela abantu bam andiyi kuwaphatha njengoko ndênjenjalo mandulo,” utsho uNdikhoyo onamandla onke.

12. “Imbewu iya kukhula kakuhle, izidiliya zivelise iziqhamo, umhlaba unike isivuno, izulu lihlise umbethe. Zonke ke ezi zinto ndiya kuzinika zibe lilifa kumasalela aba bantu.

13. Bantu bakwaJuda nakwaSirayeli, benisoloko nisisigculelo seentlanga, kodwa ke ngoku ndiza kunihlangula nitsho nibe yintsikelelo. Ngoko ke yomelelani, izandla zenu zingawi.”

14. Kaloku utsho uNdikhoyo onamandla onke ukuthi: “Ngokuya babendicaphukisile ooyihlo ndazimisela ukubazisela isithwakumbe. Ewe, zange ndiyijike loo nto ndada ndabe ndiyenzile,” utsho uNdikhoyo onamandla onke.

15. “Kambe ke ngoku ndizimisele ukuyenzela okulungileyo iJerusalem nendlu kaJuda. Ngoko ke musani ukoyika.

16. Nazi ke izinto emanizenze: Thethani inyaniso omnye komnye. Gwebani ngobulungisa ezinkundleni zenu, nditsho ubulungisa obuzala uxolo.

17. Sanukuceba amayelenqe ngabamelwane benu, ningakuthandi ukufunga ubuxoki. Kaloku mna ndizithiyile zonke ezi zinto,” utsho uNdikhoyo.

18. Lafika kum ilizwi likaNdikhoyo onamandla onke lisithi:

19. “Utsho uNdikhoyo onamandla onke ukuthi: Inzila yokudla yenyanga yesine, eyesihlanu, eyesixhenxe, neyeshumi, ziya kuba ngamatheko ovuyo nemincili kwaJuda. Ngoko ke yithandeni inyaniso noxolo.”

20. UNdikhoyo onamandla onke uthi: “Kuya kuza izizwe nabemi bezixeko ezininzi,

funda isahluko epheleleyo Uzakariya 8