Testamente Endala

Testamente Entsha

Uzakariya 8:11-22 Ibhayibhile (XHO96)

11. Kambe ke ngoku amasalela abantu bam andiyi kuwaphatha njengoko ndênjenjalo mandulo,” utsho uNdikhoyo onamandla onke.

12. “Imbewu iya kukhula kakuhle, izidiliya zivelise iziqhamo, umhlaba unike isivuno, izulu lihlise umbethe. Zonke ke ezi zinto ndiya kuzinika zibe lilifa kumasalela aba bantu.

13. Bantu bakwaJuda nakwaSirayeli, benisoloko nisisigculelo seentlanga, kodwa ke ngoku ndiza kunihlangula nitsho nibe yintsikelelo. Ngoko ke yomelelani, izandla zenu zingawi.”

14. Kaloku utsho uNdikhoyo onamandla onke ukuthi: “Ngokuya babendicaphukisile ooyihlo ndazimisela ukubazisela isithwakumbe. Ewe, zange ndiyijike loo nto ndada ndabe ndiyenzile,” utsho uNdikhoyo onamandla onke.

15. “Kambe ke ngoku ndizimisele ukuyenzela okulungileyo iJerusalem nendlu kaJuda. Ngoko ke musani ukoyika.

16. Nazi ke izinto emanizenze: Thethani inyaniso omnye komnye. Gwebani ngobulungisa ezinkundleni zenu, nditsho ubulungisa obuzala uxolo.

17. Sanukuceba amayelenqe ngabamelwane benu, ningakuthandi ukufunga ubuxoki. Kaloku mna ndizithiyile zonke ezi zinto,” utsho uNdikhoyo.

18. Lafika kum ilizwi likaNdikhoyo onamandla onke lisithi:

19. “Utsho uNdikhoyo onamandla onke ukuthi: Inzila yokudla yenyanga yesine, eyesihlanu, eyesixhenxe, neyeshumi, ziya kuba ngamatheko ovuyo nemincili kwaJuda. Ngoko ke yithandeni inyaniso noxolo.”

20. UNdikhoyo onamandla onke uthi: “Kuya kuza izizwe nabemi bezixeko ezininzi,

21. bathi abemi besinye isixeko baye kwesinye besithi: ‘Masihambe kwangoku siye kumbongoza uNdikhoyo, simnqule uNdikhoyo onamandla onke; nam ngokwam ndiya kuhamba.’

22. Izizwe ezininzi neentlanga ezinamandla ziya kuza eJerusalem, khon' ukuze zimnqule zimbongoze uNdikhoyo onamandla onke.”

funda isahluko epheleleyo Uzakariya 8