Testamente Endala

Testamente Entsha

Uzakariya 8:1-4 Ibhayibhile (XHO96)

1. Laphinda lafika ilizwi *likaNdikhoyo onamandla onke lisithi:

2. “Utsho uNdikhoyo onamandla onke ukuthi: Ndinekhwele elikhulu ngeZiyon; ewe, ikhwele lam lishushu ngakuyo.”

3. Utsho uNdikhoyo ukuthi: “Ndiza kubuyela eZiyon, ndime eJerusalem. IJerusalem kothiwa sisixeko senyaniso, ke yona intaba kaNdikhoyo onamandla onke kothiwa yintaba engcwele.”

4. Utsho uNdikhoyo onamandla onke ukuthi: “Ezitalatweni kuya kubakho amaxhego namaxhegokazi atotobayo, elowo ephethe umsimelelo esandleni sakhe,

funda isahluko epheleleyo Uzakariya 8