Testamente Endala

Testamente Entsha

Uzakariya 8:1-13 Ibhayibhile (XHO96)

1. Laphinda lafika ilizwi *likaNdikhoyo onamandla onke lisithi:

2. “Utsho uNdikhoyo onamandla onke ukuthi: Ndinekhwele elikhulu ngeZiyon; ewe, ikhwele lam lishushu ngakuyo.”

3. Utsho uNdikhoyo ukuthi: “Ndiza kubuyela eZiyon, ndime eJerusalem. IJerusalem kothiwa sisixeko senyaniso, ke yona intaba kaNdikhoyo onamandla onke kothiwa yintaba engcwele.”

4. Utsho uNdikhoyo onamandla onke ukuthi: “Ezitalatweni kuya kubakho amaxhego namaxhegokazi atotobayo, elowo ephethe umsimelelo esandleni sakhe,

5. kananjalo izitalato zizale ngamakhwenkwe namantombazana adlala kuzo.”

6. Utsho uNdikhoyo onamandla onke ukuthi: “Inokubonakala ingummangaliso kumasalela abantu ngelo xesha, kodwa ingaba ingummangaliso na kum, mna Ndikhoyo onamandla onke?” Ewe, utsho uNdikhoyo onamandla onke ukuthi:

7. “Abantu bam ndiya kubahlangula kuloo mazwe asempuma nasentshona.

8. Ewe, ndobabuyisa beze kuma eJerusalem. Bona baya kuba ngabantu bam, mna ndibe nguThixo wabo, ndinyaniseke kubo, ndibaphathe ngobulungisa.”

9. Utsho uNdikhoyo onamandla onke ukuthi: “Maziqine iingalo zenu, niyakhe indlu yonqulo, nina eniwevayo la mazwi athethwayo ngabashumayeli ababekho xa kwakubekwa isiseko sendlu kaNdikhoyo onamandla onke.

10. Ngaphambi kwelo xesha bekungekho mali yakuqesha mntu okanye silwanyana. Wonke umntu ohambayo ebesemngciphekweni weentshaba. Kaloku ndabenza abantu bonke elowo achasane nommelwane wakhe.

11. Kambe ke ngoku amasalela abantu bam andiyi kuwaphatha njengoko ndênjenjalo mandulo,” utsho uNdikhoyo onamandla onke.

12. “Imbewu iya kukhula kakuhle, izidiliya zivelise iziqhamo, umhlaba unike isivuno, izulu lihlise umbethe. Zonke ke ezi zinto ndiya kuzinika zibe lilifa kumasalela aba bantu.

13. Bantu bakwaJuda nakwaSirayeli, benisoloko nisisigculelo seentlanga, kodwa ke ngoku ndiza kunihlangula nitsho nibe yintsikelelo. Ngoko ke yomelelani, izandla zenu zingawi.”

funda isahluko epheleleyo Uzakariya 8