Testamente Endala

Testamente Entsha

Uzakariya 7:5-12 Ibhayibhile (XHO96)

5. “Baxelele bonke abantu beli lizwe, ngokunjalo nababingeleli, uthi: ‘Ngokuya benizila ukutya nilila kwinyanga yesihlanu neyesixhenxe, kule minyaka imashumi asixhenxe idlulileyo, ngaba benizila ukutya nizilela mna ngqo?

6. Xa benisitya nisela beningenzeli ezenu iziqu isidlo?

7. Asingawo la amazwi kaNdikhoyo awabhengezwa ngabashumayeli bamandulo, xenikweni iJerusalem needolophu eziyingqongileyo bezimiwe ngabantu zinenkqubela, nditsho zona kunye nelasezantsi namathambeka asentshonalanga?’ ”

8. Ilizwi *likaNdikhoyo liphinde lafika kuZakariya lisithi:

9. “Utsho uNdikhoyo onamandla onke ukuthi: ‘Wisani izigwebo ezinyanisekileyo, nenzelane ububele nenceba omnye nomnye.

10. Musani ukubacinezela abahlolokazi neenkedama, ngokunjalo nabangeneleli kunye namahlwempu, ningayili ububi ezintliziyweni zenu omnye komnye.’

11. “Kodwa zange bavume ukundiphulaphula, suka baneenkani, bandifulathela, neendlebe zabo bazivingca.

12. Ewe, iintliziyo zabo zasuka zaba lukhuni okwenyengane, abavuma ukuwaphulaphula amazwi kaNdikhoyo onamandla onke, lawo wayewathumele ngoMoya wakhe *kubashumayeli bamandulo. Ngoko ke uNdikhoyo onamandla onke waba nomsindo.

funda isahluko epheleleyo Uzakariya 7