Testamente Endala

Testamente Entsha

Uzakariya 6:12-15 Ibhayibhile (XHO96)

12. Mxelele ukuba uNdikhoyo onamandla onke uthi: ‘Umfo ekuthiwa lihlumelo uya kuhluma kule ndawo, ayivuse indlu kaNdikhoyo.

13. Ewe, nguye oya kuyakha indlu kaNdikhoyo, aze avathiswe ngobuhandiba, ahlale esihlalweni, alawule, abe ngumbingeleli apho esihlalweni sakhe. Ke kobakho imvisiswano phakathi kwesi sibini.’

14. Ke isithsaba siya kunikezelwa kuHeledayi, noTobhiya, noYedaya, kunye noHelem unyana kaZefaniya, ibe sisikhumbuzo endlwini kaNdikhoyo.

15. Abantu abahlala kwelikude baya kuza baze bancedise ekwakheni indlu kaNdikhoyo. Kwakuba njalo ke uya kuqonda ukuba ngenene uNdikhoyo onamandla onke undithumile kuwe. Le nto ke iya kwenzeka ukuba ulithobele ngenyameko izwi likaNdikhoyo uThixo wakho.”

funda isahluko epheleleyo Uzakariya 6