Testamente Endala

Testamente Entsha

Uzakariya 4:7-14 Ibhayibhile (XHO96)

7. “Kuxa uyintoni, wena ntaba iphakamileyo? Phambi koZerubhabheli wosuka ube njengethafa. Uya kubeka ilitye lokugqibela ekwakhiweni kwendlu kaThixo, abantu bekhwaza besithi: ‘Thamsanqela! Thamsanqela, Thixo!’ ”

8. Ke kaloku ndafikelwa lilizwi likaNdikhoyo lisithi:

9. “Izandla zikaZerubhabheli zisibekile isiseko sendlu kaThixo; ikwazizandla zakhe eziya kuyiphetha. Nawe uya kutsho uqonde ukuba uNdikhoyo onamandla onke nguye ondithumileyo kuwe.

10. Ngubani owudelelayo umhla ongenaziganeko zingako? Kambe baya kuvuya bakubona uZerubhabheli ephethe isixhobo sokulungelelanisa. Ezi zibane zisixhenxe ngamehlo kaNdikhoyo ajonga ihlabathi lonke jikelele.”

11. Ndasibuza ke isithunywa eso ndathi: “Yeyani le minquma mibini ixhake isiphatho sezibane ngasekhohlo nangasekunene?”

12. Kwakhona ndabuza ndathi: “Ngawani la masebe mabini omnquma asecaleni kwale mibhobho mibini yegolide iphokoka ioyile ebugolide?”

13. Siphendule sisithi: “Awuzazi na ezi zinto?”Ndathi: “Hayi, nkosi yam.”

14. Saza ke sona sathi: “Aba ngabo babini bathanjiselwe ukukhonza iNkosi yehlabathi jikelele.”

funda isahluko epheleleyo Uzakariya 4