Testamente Endala

Testamente Entsha

Uzakariya 4:1-7 Ibhayibhile (XHO96)

1. Esaa sithunywa sasithetha nam sabuya seza sandivusa njengomntu ovuswa ebuthongweni bakhe,

2. sathi kum: “Ubona ntoni?”Ndaza ndathi: “Ndibona isiphatho sezibane esenziwe ngegolide. Entloko sinesitya nezibane ezisixhenxe ezinxityelelwe yimibhobho esixhenxe.

3. Kanjalo esi sibane sixhakwe ngasekunene nangasekhohlo yimithi emibini yomnquma.”

4. Ndabuza kweso sithunywa sasithetha nam, ndathi: “Ziyintoni na ezi zinto, nkosi yam?”

5. Ke isithunywa esasithetha nam saphendula sathi: “Awuzazi na ukuba ziyintoni ezi zinto?”Ndaza ndathi: “Hayi, nkosi yam.”

6. Ke sona sathi kum: “Eli lilizwi *likaNdikhoyo kuZerubhabheli: ‘Akungabukroti, kungengawo namandla, kodwa kungoMoya wam kuphela,’ utsho uNdikhoyo onamandla onke.

7. “Kuxa uyintoni, wena ntaba iphakamileyo? Phambi koZerubhabheli wosuka ube njengethafa. Uya kubeka ilitye lokugqibela ekwakhiweni kwendlu kaThixo, abantu bekhwaza besithi: ‘Thamsanqela! Thamsanqela, Thixo!’ ”

funda isahluko epheleleyo Uzakariya 4