Testamente Endala

Testamente Entsha

Uzakariya 3:6-8 Ibhayibhile (XHO96)

6. Ke kaloku isithunywa sikaNdikhoyo samthembisa sathi:

7. “UNdikhoyo onamandla onke uthi: ‘Ukuba uthe wahamba ngeendlela zam, wayithobela imimiselo yam, indlu yam iya kulawulwa nguwe, ngokunjalo neenkundla zam zibe phantsi kwakho; kananjalo ke nawe uya kuba nendawo phakathi kwaba bemi apha.

8. “ ‘Yoshuwa, mbingeleli omkhulu, phulaphula, beve nabo oogxa bakho abakungqongileyo; abo bangumqondiso wezinto ezizayo. Kaloku ndiya kuvelisa ihlumelo elisisicaka sam.

funda isahluko epheleleyo Uzakariya 3