Testamente Endala

Testamente Entsha

Uzakariya 2:11-13 Ibhayibhile (XHO96)

11. “Ngaloo mini izizwe ezininzi ziya kubandakanywa noNdikhoyo, zibe ngabantu bam. Ndiya kuhlala phakathi kwenu, nani nitsho niqonde ukuba nguNdikhoyo onamandla onke ondithumileyo.

12. UJuda uya kuba lilifa nesabelo sikaNdikhoyo apha kulo mhlaba ungcwele, aze abuye ayichonge iJerusalem.

13. Yithini cwaka phambi koNdikhoyo, nonke bantu behlabathi; kaloku yena ngoku uvukile ekhayeni lakhe elingcwele.”

funda isahluko epheleleyo Uzakariya 2