Testamente Endala

Testamente Entsha

Uzakariya 12:9-12 Ibhayibhile (XHO96)

9. Ngaloo mini ndiya kukulungela ukuzitshabalalisa zonke izizwe ezihlasela iJerusalem.”

10. “Indlu kaDavide ngokunjalo nabantu baseJerusalem ndiya kubathululela umoya wenceba nowokutarhuzisa. Baya kuthi besakujonga kum, mna lowo bamhlabileyo, basuke bangqukruleke ngesililo, babe ngathi bakhalela umntwana okuphela kwakhe; ewe, baya kutsho ngesofelweyo ngunyana olivela-tanci.

11. Ngaloo mini isililo esiseJerusalem soba sikhulu njengeso sokulilela uHadade-rimoni kumathafa aseMegido.

12. Ilizwe liya kuzila, umzi ngamnye uwodwa, nabafazi bawo bebodwa. Yoba yindlu kaDavide nabafazi bayo, ibe yindlu kaNatan nabafazi bayo,

funda isahluko epheleleyo Uzakariya 12