Testamente Endala

Testamente Entsha

Uzakariya 1:8-16 Ibhayibhile (XHO96)

8. Ndasuka ndaba nombono ebusuku: Phambi kwam ndabona umfo ekhwele ihashe elibomvu. Wayemi engxingweni phakathi kwemithi yemetile. Emva kwakhe kwakukho amanye amahashe, abomvu, amfusa, namhlophe.

9. Ndaza ke ndathi: “Ithetha ntoni le nto, nkosi yam?”Isithunywa eso ebesithetha nam sathi: “Ndiza kukubonisa intsingiselo yezi zinto.”

10. Ke loo mfo umi phakathi kwemithi yemetile waphendula wathi: “Aba ngabathunywe nguNdikhoyo ukulityhutyha ihlabathi liphela.”

11. Banika ingxelo kweso sithunywa sikaNdikhoyo siphakathi kwemithi yemetile, bathi: “Silityhutyhile ihlabathi lonke, saza salifumana lizole nzwanga.”

12. Ke isithunywa sikaNdikhoyo sathi: “Ndikhoyo onamandla onke, koda kube nini ungenaluvelwano neJerusalem needolophu zakwaJuda owaziqumbelayo le minyaka ingamashumi asixhenxe?”

13. UNdikhoyo ke wasiphendula ngamazwi obulali nentuthuzelo eso sithunywa sasithetha nam.

14. Isithunywa eso ke esasithetha nam sathi: “Lubhengeze olu daba uthi: Utsho uNdikhoyo onamandla onke ukuthi: ‘Ndinekhwele elikhulu ngeJerusalem neZiyon.

15. Kambe ke ndiziqumbele kakhulu izizwe ezixhamla ulonwabo. Bendingaqumbanga kakhulu, kodwa zona zisuke zayongezelela inkxwaleko.’

16. “Ngoko ke utsho uNdikhoyo ukuthi: ‘IJerusalem ndiza kuyivelela ngenceba, ibuye yakhiwe indlu yam khona,’ utsho uNdikhoyo onamandla onke. ‘Ewe, intambo yokulinganisa iza kolulwa phezu kweJerusalem.’

funda isahluko epheleleyo Uzakariya 1