Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyoshuwa 9:9-19 Ibhayibhile (XHO96)

9. Bona baphendula bathi: “Mhlekazi, sivela kwelikude; saye sivile ngezigigaba *zikaNdikhoyo uThixo wakho, nangayo yonke into awayenza eJiputa,

10. kwakunye nakwenze kwiikumkani ezimbini zama-Amori ngaphesheya kweJordan, kukumkani uSihon waseHeshbhon kunye nokumkani uOgi waseBhashan owayemi eAshtoreti.

11. Amadoda amakhulu akuthi, kunye nabemi bonke belakowethu, bathi kuthi: ‘Zenzeleni umphako wendlela, nihambe niye kubo, nithi: “Sizizicaka zenu. Visisanani nathi, sihlalisane ngoxolo.” ’

12. Khangela umphako wethu wesonka. Ukunduluka kwethu ekhaya sisiza apha, esi sonka sasiseshushu. Ngoku sesomile, singunde nokungunda.

13. Iimvaba zewayini zazizele, zintsha, ngoku sezikrazukile. Neempahla zethu kunye neembadada zigugile luhambo olude.”

14. Amadoda akwaSirayeli angcamla kumphako waloo madoda, kodwa akakhange abhekise kuNdikhoyo.

15. NoYoshuwa ke wasivuma isicelo sawo soxolo, wanqophisana nawo ngelithi akayi kubulawa. Zafunga iinkokheli zebandla lamaSirayeli, zathi loo mnqophiso aziyi kuwutyeshela.

16. Kwathi kungekadluli neentsuku ezintathu senziwa isivumelwano, eva amaSirayeli ukuba abo bantu yayingabamelwane bawo, behlala kufuphi nawo.

17. Anduluka ke amaSirayeli, athi emva kweentsuku ezintathu agaleleka apho kwakuhlala khona loo madoda. Izixeko zawo yayiyiGibheyon, iKefira, iBheroti, kunye neKiriyati-yarim.

18. Kambe ke amaSirayeli akazange ababulale aba bantu, kuba kaloku iinkokheli zebandla lawo zazibenzele isifungo ngegama likaNdikhoyo uThixo kaSirayeli. Lonke ibandla lakwaSirayeli lazikhalazela iinkokheli,

19. zaza iinkokheli zathi: “Kaloku safunga ngegama likaNdikhoyo uThixo kaSirayeli kwaba bantu. Ke ngoko asinakubenza nto konke.

funda isahluko epheleleyo Uyoshuwa 9