Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyoshuwa 9:6-16 Ibhayibhile (XHO96)

6. Zenyuka zaya esikhululweni eGiligali, zafika zathi kuYoshuwa namaSirayeli: “Singabantu abavela kwilizwe elikude. Size kucela kuni imvisiswano yokuhlalisana ngoxolo.”

7. AmaSirayeli athi: “Singathini na ukunqophisana nani? Kusenokwenzeka ukuba nisuka kwalapha kufuphi.”

8. Bathi kuYoshuwa: “Thina sizizicaka zakho.”Wababuza uYoshuwa wathi: “Ningamani, yaye nivela phi?”

9. Bona baphendula bathi: “Mhlekazi, sivela kwelikude; saye sivile ngezigigaba *zikaNdikhoyo uThixo wakho, nangayo yonke into awayenza eJiputa,

10. kwakunye nakwenze kwiikumkani ezimbini zama-Amori ngaphesheya kweJordan, kukumkani uSihon waseHeshbhon kunye nokumkani uOgi waseBhashan owayemi eAshtoreti.

11. Amadoda amakhulu akuthi, kunye nabemi bonke belakowethu, bathi kuthi: ‘Zenzeleni umphako wendlela, nihambe niye kubo, nithi: “Sizizicaka zenu. Visisanani nathi, sihlalisane ngoxolo.” ’

12. Khangela umphako wethu wesonka. Ukunduluka kwethu ekhaya sisiza apha, esi sonka sasiseshushu. Ngoku sesomile, singunde nokungunda.

13. Iimvaba zewayini zazizele, zintsha, ngoku sezikrazukile. Neempahla zethu kunye neembadada zigugile luhambo olude.”

14. Amadoda akwaSirayeli angcamla kumphako waloo madoda, kodwa akakhange abhekise kuNdikhoyo.

15. NoYoshuwa ke wasivuma isicelo sawo soxolo, wanqophisana nawo ngelithi akayi kubulawa. Zafunga iinkokheli zebandla lamaSirayeli, zathi loo mnqophiso aziyi kuwutyeshela.

16. Kwathi kungekadluli neentsuku ezintathu senziwa isivumelwano, eva amaSirayeli ukuba abo bantu yayingabamelwane bawo, behlala kufuphi nawo.

funda isahluko epheleleyo Uyoshuwa 9