Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyoshuwa 9:2-9 Ibhayibhile (XHO96)

2. Zonke zabuthelana ngamxhelo mnye ukuze zilwe noYoshuwa namaSirayeli.

3. Abantu baseGibheyon, ababengamaHivi, bayiva imbali yezigigaba zikaYoshuwa eJeriko naseAyi,

4. baza bagqiba ekubeni mabenze iqhinga. Bathume izigidimi zilayishe ukutya ezimbongolweni ngeengxowa ezigugileyo.

5. Zanxiba amadlavu, neembadada ezikrazukileyo, zathatha isonka esomileyo esingundileyo

6. Zenyuka zaya esikhululweni eGiligali, zafika zathi kuYoshuwa namaSirayeli: “Singabantu abavela kwilizwe elikude. Size kucela kuni imvisiswano yokuhlalisana ngoxolo.”

7. AmaSirayeli athi: “Singathini na ukunqophisana nani? Kusenokwenzeka ukuba nisuka kwalapha kufuphi.”

8. Bathi kuYoshuwa: “Thina sizizicaka zakho.”Wababuza uYoshuwa wathi: “Ningamani, yaye nivela phi?”

9. Bona baphendula bathi: “Mhlekazi, sivela kwelikude; saye sivile ngezigigaba *zikaNdikhoyo uThixo wakho, nangayo yonke into awayenza eJiputa,

funda isahluko epheleleyo Uyoshuwa 9