Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyoshuwa 9:19-27 Ibhayibhile (XHO96)

19. zaza iinkokheli zathi: “Kaloku safunga ngegama likaNdikhoyo uThixo kaSirayeli kwaba bantu. Ke ngoko asinakubenza nto konke.

20. Naku emasikwenze: masingabachukumisi, hleze sihlelwe yingqumbo ngokutyeshela isifungo.

21. Masibayeke baphile ngokwesifungo sethu, kodwa ngabo abaza kusikhelela amanzi, basicandele iinkuni.”

22. UYoshuwa wathi mabeziswe kuye abantu baseGibheyon, wabhekisa kubo wathi: “Nisikhohlisele ntoni nisithi nivela kude nje, kanti nihlala kufuphi?

23. Niqalekisiwe ngenxa yento eniyenzileyo. Niya kuhlala ningamakhoboka, nithuthe amanzi, nicande neenkuni zomzi woThixo wam.”

24. Bathi ukuphendula bona: “Mhlekazi, sibangwe kukuva ukuba kuyinyani ukuba uNdikhoyo uThixo wenu wayalela uMosis ukuba wonke lo mhlaba makawunike nina, batshabalalise bonke abemi bawo, ke ngoko sasoyikela nobomi bethu.

25. Ngoku ke siphantsi kwegunya lakho; yenza loo nto wena ucinga ukuba ilungile.”

26. Nantsi ke into awayenzayo uYoshuwa: wabakhusela, akawavumela ukuba amaSirayeli ababulale,

27. kodwa wathi mababe ngamakhoboka okukha amanzi nokucanda iinkuni zamaSirayeli nezeqonga lamadini kaNdikhoyo. Loo msebenzi basawenza unanamhla kuloo ndawo yalathwe nguNdikhoyo.

funda isahluko epheleleyo Uyoshuwa 9