Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyoshuwa 9:1-5 Ibhayibhile (XHO96)

1. Imbali yokutshatshela kwamaSirayeli yaya kuvakala nakwiikumkani ezazimi ngasentshonalanga kweJordan: kweleentaba, emazantsi eentaba, nasemantla konxweme lolwandle, ukuya kutsho eLebhanon. Ezo ke yayiziikumkani ezazilawula amaHeti, ama-Amori, amaKanana, amaPerezi, amaHivi, namaJebhusi.

2. Zonke zabuthelana ngamxhelo mnye ukuze zilwe noYoshuwa namaSirayeli.

3. Abantu baseGibheyon, ababengamaHivi, bayiva imbali yezigigaba zikaYoshuwa eJeriko naseAyi,

4. baza bagqiba ekubeni mabenze iqhinga. Bathume izigidimi zilayishe ukutya ezimbongolweni ngeengxowa ezigugileyo.

5. Zanxiba amadlavu, neembadada ezikrazukileyo, zathatha isonka esomileyo esingundileyo

funda isahluko epheleleyo Uyoshuwa 9