Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyoshuwa 8:8-17 Ibhayibhile (XHO96)

8. Nakuba nisithimbile eso sixeko, ze nisintumeke umlilo ngokomyalelo kaNdikhoyo. Ze nenjenjalo; ndiyaniyalela!”

9. Wawandulula ke loo madoda uYoshuwa, ahamba aya kulinda ezimele ngasentshonalanga yeAyi, phakathi kweAyi neBhetele. Yena uYoshuwa wasala apho babekhulule khona ngobo busuku.

10. Wavuka ekuseni uYoshuwa, wahlanganisa elakhe iqela lomkhosi. Wenjenjeya ewukhokelela eAyi kunye neenkokheli zawo.

11. Lo mkhosi wahamba ujonge ngqo eAyi, wafika wagxumeka iintente zawo emantla esixeko, ahlulwe naso yintili.

12. Ngelo xesha uYoshuwa wayeselethathe amawaka amahlanu amadoda, wawafihla ngakwintshonalanga yesixeko, phakathi kweAyi neBhetele.

13. Amiswa ngeendawo zawo ke loo madoda, elungele idabi, iintente zawo zimi ngasemantla esixeko, amanye amadoda ezifihlile ngasentshonalanga. Ngobo busuku uYoshuwa wangena kuloo ntili.

14. Akabanga saphozisa maseko ukumkani waseAyi akuwubona ekuseni umkhosi kaYoshuwa. Wesuka kwangoko, wawuhlangabeza kunye namadoda akhe kuloo ntili ikhangelene nentlango, engaqondi phofu ukuba kukho amadoda alaleleyo ngaphaya kwesixeko.

15. UYoshuwa namadoda omkhosi wakhe yena wanga uyabaleka, wabheka ngasentlango.

16. Kwahlatywa umkhosi, aphuma onke amadoda aseAyi, awusukela umkhosi kaYoshuwa. Lo gama asukelayo wawuya usithi tyishi umgama ophakathi kwawo nesixeko.

17. Akwasala nanye indoda eBhetele naseAyi engawasukelanga amaSirayeli, yaza iAyi yasala ingenabani wakuyikhusela.

funda isahluko epheleleyo Uyoshuwa 8