Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyoshuwa 8:1-7 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ke kaloku wathi *uNdikhoyo kuYoshuwa: “Uze ungoyiki, ungankwantyi. Thatha wonke umkhosi wakho, uhlasele iAyi. Ukumkani waseAyi, kunye nabantu bakhe, nesixeko sakhe, kunye nalo mhlaba wakhe, ndimnikele ezandleni zakho.

2. Nalapha eAyi uze wenze laa nto wawuyenze eJeriko nakukumkani wakhona. Kodwa ngoku amaxhoba eenkomo kunye nezinye izinto nize nizithathele zona. Nize nizilungiselele ukuyiqubula loo dolophu, nibe nabalaleli ngapha kwayo.”

3. UYoshuwa waxhabashela ukuya eAyi kunye nomkhosi wakhe. Wakhetha amawaka amashumi mathathu awona angamakhalipha kumadoda omkhosi, wawakhupha ngobusuku

4. nalo myalelo: “Phulaphulani! Zimelani ngapha kwesixeko, ningabi kude, nihlale nichophe phezu kwezikrweqe.

5. Mna kunye namadoda ahamba nam sosivelela ngaphambili isixeko. Xa amadoda aseAyi asihlangabezayo thina siya kujika sibaleke njengokwesihlandlo sokuqala.

6. Wona ke osisukela de athi qelele esixekweni, eba siyabaleka njengakuqala. Besasisukela njalo ke

7. nina niya kuphuma kuloo ndawo benizimele kuyo, nihlasele isixeko, nisithimbe. UNdikhoyo uThixo wenu wosinikela ezandleni zenu.

funda isahluko epheleleyo Uyoshuwa 8