Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyoshuwa 8:1-12 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ke kaloku wathi *uNdikhoyo kuYoshuwa: “Uze ungoyiki, ungankwantyi. Thatha wonke umkhosi wakho, uhlasele iAyi. Ukumkani waseAyi, kunye nabantu bakhe, nesixeko sakhe, kunye nalo mhlaba wakhe, ndimnikele ezandleni zakho.

2. Nalapha eAyi uze wenze laa nto wawuyenze eJeriko nakukumkani wakhona. Kodwa ngoku amaxhoba eenkomo kunye nezinye izinto nize nizithathele zona. Nize nizilungiselele ukuyiqubula loo dolophu, nibe nabalaleli ngapha kwayo.”

3. UYoshuwa waxhabashela ukuya eAyi kunye nomkhosi wakhe. Wakhetha amawaka amashumi mathathu awona angamakhalipha kumadoda omkhosi, wawakhupha ngobusuku

4. nalo myalelo: “Phulaphulani! Zimelani ngapha kwesixeko, ningabi kude, nihlale nichophe phezu kwezikrweqe.

5. Mna kunye namadoda ahamba nam sosivelela ngaphambili isixeko. Xa amadoda aseAyi asihlangabezayo thina siya kujika sibaleke njengokwesihlandlo sokuqala.

6. Wona ke osisukela de athi qelele esixekweni, eba siyabaleka njengakuqala. Besasisukela njalo ke

7. nina niya kuphuma kuloo ndawo benizimele kuyo, nihlasele isixeko, nisithimbe. UNdikhoyo uThixo wenu wosinikela ezandleni zenu.

8. Nakuba nisithimbile eso sixeko, ze nisintumeke umlilo ngokomyalelo kaNdikhoyo. Ze nenjenjalo; ndiyaniyalela!”

9. Wawandulula ke loo madoda uYoshuwa, ahamba aya kulinda ezimele ngasentshonalanga yeAyi, phakathi kweAyi neBhetele. Yena uYoshuwa wasala apho babekhulule khona ngobo busuku.

10. Wavuka ekuseni uYoshuwa, wahlanganisa elakhe iqela lomkhosi. Wenjenjeya ewukhokelela eAyi kunye neenkokheli zawo.

11. Lo mkhosi wahamba ujonge ngqo eAyi, wafika wagxumeka iintente zawo emantla esixeko, ahlulwe naso yintili.

12. Ngelo xesha uYoshuwa wayeselethathe amawaka amahlanu amadoda, wawafihla ngakwintshonalanga yesixeko, phakathi kweAyi neBhetele.

funda isahluko epheleleyo Uyoshuwa 8