UYoshuwa, ekunye namaSirayeli, bamthatha uAkana, kunye naloo siliva, naloo golide, naloo mnweba, nditsho nkqu noonyana neentombi zakhe, imfuyo yakhe, nentente yakhe, konke okwakhe, babasa kwintili yeAkore.