Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyoshuwa 4:2-9 Ibhayibhile (XHO96)

2. “Tyumba amadoda abe lishumi elinambini, ibe nye kwisizwe ngasinye.

3. Yithi makathathe ishumi elinambini lamatye kulaa ndawo bekume zinzi kuyo ababingeleli esazulwini seJordan, awathwale loo matye, aze awabeke apho kuya kuba kukhululwe khona ngokuhlwa namhlanje.”

4. UYoshuwa wawabiza loo madoda alishumi elinambini awatyumbileyo kwisizwe ngasinye,

5. wathi: “Ngenani emlanjeni iJordan, nigqithe kwityesi yomnqophiso kaThixo uNdikhoyo, ize indoda nganye ixwaye ilitye eliza kumela isizwe ngasinye samaSirayeli.”

6. Watsho esithi: “La matye ngumqondiso kumaSirayeli ngazo zonke iziganeko zikaNdikhoyo. Xa bebuza ngomso abantwana benu besithi: ‘Ngawantoni na la matye?’

7. nobaxelela ukuba ngamhla ityesi yomnqophiso kaNdikhoyo yayiwela umlambo, ema amanzi, ahlanganiselana eJordan. La matye ohlala esisikhumbuzo kumaSirayeli sesiganeko esehla kule ndawo.”

8. AmaSirayeli enza ngokomyalelo kaYoshuwa. Awakhetha amatye alishumi elinambini emlanjeni iJordan ngokomlomo kaNdikhoyo kuYoshuwa, lalinye kwisizwe ngasinye, awasa kulaa ndawo kwakuza kukhululwa kuyo ngaloo mhla.

9. UYoshuwa yena wabeka amanye amatye alishumi elinambini kulaa ndawo kwakumi kuyo ababingeleli ababethwele ityesi yomnqophiso, phakathi emlanjeni iJordan. (Aselapho unanamhla loo matye.)

funda isahluko epheleleyo Uyoshuwa 4