Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyoshuwa 4:14-19 Ibhayibhile (XHO96)

14. Into eyenziwa nguNdikhoyo ngalo mhla yatsho amaSirayeli amhlonela uYoshuwa. Amhlonela bonke ubomi bakhe njengoko amhlonelayo uMosis.

15. UNdikhoyo wathi kuYoshuwa:

16. “Xelela ababingeleli abathwele ityesi yomnqophiso ukuba baphume emlanjeni.”

17. Wenjenjalo ke uYoshuwa,

18. bathi bakuba bewelile, wabuya wazala, waphuphuma kwakhona umlambo.

19. AmaSirayeli ayiwela iJordan ngomhla weshumi kwinyanga yokuqala, afika amisa iintente eGiligali engasempumalanga yeJeriko.

funda isahluko epheleleyo Uyoshuwa 4