Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyoshuwa 4:10-24 Ibhayibhile (XHO96)

10. Ababingeleli bema njalo emlanjeni iJordan kwada kwagqitywa yonke into ekwakuthiwe kuYoshuwa mayenziwe ngabantu. Zizinto ezaziyalelwe nguMosis zonke ezo.Abantu bakhawuleza ukuwela umlambo.

11. Bakuba bewele bonke, ityesi yomnqophiso yawezwa ngababingeleli, abantu bejongile.

12. Amadoda esizwe sakwaRubhen nesakwaGadi, kunye nenxalenye yesizwe sakwaManase, awela kuqala kunabo bonke abantu, exhobile, njengoko wayetshilo kuwo uMosis.

13. Kwawela amashumi mane amawaka amadoda axhobele idabi, aya kutsho kwezo ntili zeJeriko, ekhatshwa nguNdikhoyo.

14. Into eyenziwa nguNdikhoyo ngalo mhla yatsho amaSirayeli amhlonela uYoshuwa. Amhlonela bonke ubomi bakhe njengoko amhlonelayo uMosis.

15. UNdikhoyo wathi kuYoshuwa:

16. “Xelela ababingeleli abathwele ityesi yomnqophiso ukuba baphume emlanjeni.”

17. Wenjenjalo ke uYoshuwa,

18. bathi bakuba bewelile, wabuya wazala, waphuphuma kwakhona umlambo.

19. AmaSirayeli ayiwela iJordan ngomhla weshumi kwinyanga yokuqala, afika amisa iintente eGiligali engasempumalanga yeJeriko.

20. UYoshuwa wawamisa apho eGiligali laa matye alishumi linambini ayethathwe eJordan.

21. Wathi kumaSirayeli: “Xa bathe abantwana benu babuza kuni, boyise, besithi: ‘Ngawantoni na la matye?’

22. ze nibabalisele nithi: ‘AmaSirayeli ayiwela le Jordan ehamba emhlabeni owomileyo.’

23. Kaloku uNdikhoyo uThixo wenu wawanqumamisa amanzi eJordan, khon' ukuze niwele umlambo womile, kanye ngalaa ndlela womisa ngayo amanzi oLwandle oluBomvu khon' ukuze siwele.

24. Loo nto ke iya kwenza ukuba bonke abemi belizwe bawaqonde amandla kaNdikhoyo uThixo wenu, nani nimoyike ngalo lonke ixesha.”

funda isahluko epheleleyo Uyoshuwa 4