Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyoshuwa 4:1-7 Ibhayibhile (XHO96)

1. Lakuba luwele lwaphelela uhlanga lwamaSirayeli, *uNdikhoyo wathi kuYoshuwa:

2. “Tyumba amadoda abe lishumi elinambini, ibe nye kwisizwe ngasinye.

3. Yithi makathathe ishumi elinambini lamatye kulaa ndawo bekume zinzi kuyo ababingeleli esazulwini seJordan, awathwale loo matye, aze awabeke apho kuya kuba kukhululwe khona ngokuhlwa namhlanje.”

4. UYoshuwa wawabiza loo madoda alishumi elinambini awatyumbileyo kwisizwe ngasinye,

5. wathi: “Ngenani emlanjeni iJordan, nigqithe kwityesi yomnqophiso kaThixo uNdikhoyo, ize indoda nganye ixwaye ilitye eliza kumela isizwe ngasinye samaSirayeli.”

6. Watsho esithi: “La matye ngumqondiso kumaSirayeli ngazo zonke iziganeko zikaNdikhoyo. Xa bebuza ngomso abantwana benu besithi: ‘Ngawantoni na la matye?’

7. nobaxelela ukuba ngamhla ityesi yomnqophiso kaNdikhoyo yayiwela umlambo, ema amanzi, ahlanganiselana eJordan. La matye ohlala esisikhumbuzo kumaSirayeli sesiganeko esehla kule ndawo.”

funda isahluko epheleleyo Uyoshuwa 4