Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyoshuwa 24:24-31 Ibhayibhile (XHO96)

24. Bathi abantu kuYoshuwa: “Thina sokhonza uNdikhoyo uThixo wethu, siphulaphule ilizwi lakhe.”

25. Ngaloo mini, belapho eShekem, uYoshuwa wabenzela umnqophiso abantu, wabanika imimiselo nemithetho amabayithobele.

26. Wayibhala yonke loo nto uYoshuwa encwadini yomthetho kaThixo. Waza emva koko wathatha ilitye elikhulu, walimisa phantsi komthi wom-oki ngakuloo ndawo wayenqulelwa kuyo uNdikhoyo.

27. Wathi ebantwini bonke: “Niyabona, eli litye loba lelobungqina, kuba liwevile onke amazwi uNdikhoyo awabhekise kuthi. Lilo ke eloba lingqina xa nimkhanyela uThixo wenu.”

28. Emva koko ke wabandulula abantu uYoshuwa, umntu ngamnye wabuyela emhlabeni olilifa lakhe.

29. Wabhubha ke emva koko uYoshuwa, unyana kaNune, isicaka *sikaNdikhoyo, eminyaka ilikhulu lineshumi.

30. Wafihlelwa eTimnata-sera, emhlabeni olilifa lakhe, kweleentaba kwaEfrayim, kumantla entaba iGahashe.

31. AmaSirayeli ahlala ekhonza uNdikhoyo lo gama wayesaphila uYoshuwa. Akungabikho ahlala esenjenjalo nangalo gama ayesekho amadoda amakhulu awayenamava ngeziganeko ezikhulu ezenziwa nguNdikhoyo.

funda isahluko epheleleyo Uyoshuwa 24