Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyoshuwa 24:1-8 Ibhayibhile (XHO96)

1. UYoshuwa wenza imbizo yazo zonke izizwe zakwaSirayeli eShekem. Wabiza onke amadoda amakhulu, iintloko zezindlu, abalamli, kunye nabanye abangamagosa akwaSirayeli, bonke baya kuthi nqwadalala *ngasesibingelelweni *sikaNdikhoyo.

2. Wabhekisa kubo bonke abantu uYoshuwa wenjenje: “Utsho uNdikhoyo, uThixo kaSirayeli, ukuthi: ‘Kudala kanye ooyihlo-mkhulu uTera kunye noonyana bakhe uAbraham noNahore babemi ngaphesheya komlambo iEfrati, benqula *thixo bambi.

3. Uyihlo-mkhulu uAbraham ndamkhupha apho ngaphesheya kwe-Efrati, walityhutyha lonke elaseKanana. Ndampha abantwana abaninzi. Ndamnika uIsake;

4. uIsake yena ndamnika uYakobi noEsawu. UEsawu ndamnika ilizwe leentaba lase-Edom. Yena uYakobi noonyana bakhe behla baya eJiputa.

5-6. Ndathuma uMosis noAron, amaJiputa ndawehlisela izibetho. Niyayazi into endawenza yona. Ndaza ke emva koko ndanikhupha eJiputa, naza nina naza kutsho kuLwandle oluBomvu. AmaJiputa akhupha iinqwelo zamahashe nomkhosi okhwele amahashe ukusukela ooyihlo, asinga kuLwandle oluBomvu.

7. Kodwa bathi bakukhala ooyihlo, ndafaka ithunzi lobumnyama phakathi kwamaSirayeli namaJiputa. Ndawagubungela ngamanzi olwandle, eyela amaJiputa – niyayazi loo nto.“ ‘Nahlala entlango ithuba elide.

8. Ndaza mna ndanizisa kumhlaba wama-Amori awayemi ngasempumalanga yeJordan. Alwa nani, kodwa mna ndawanikela ezandleni zenu. Nawuthatha umhlaba wawo, ndakuba mna ndiwatshabalalisile.

funda isahluko epheleleyo Uyoshuwa 24