Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyoshuwa 23:2-12 Ibhayibhile (XHO96)

2. UYoshuwa wawabiza onke amaSirayeli, amadoda amakhulu, iintloko zezindlu, abalamli, kunye nabanye abangamagosa, wathi kubo: “Sendaluphele; ndigugile mna ngoku.

3. Niyibonile yonke into ayenzileyo ngenxa yenu uNdikhoyo kuzo zonke iintlanga zalapha. UNdikhoyo uThixo wenu ubesoloko enilwela kaloku.

4. Khumbulani ukuba isizwe ngasinye kuni ndisabele umhlaba waso kumhlaba weentlanga endizitshabalalisileyo, kwanezo zisaseleyo phakathi kweJordan nolwandle ngasentshonalanga.

5. UNdikhoyo uThixo wenu nguye ngenkqu owozigxotha phambi kwenu; wovulela nina indawo. Ke ngoko lo mhlaba ngowenu njengoko kanye wathembisayo.

6. Ngoko ke yomelelani, ninyamekele nithobele yonke into ebhalwe kwincwadi yomthetho kaMosis, ningashiyi nendawo le.

7. Nize ningazibandakanyi naba bantu basaseleyo apha, ningabizi namagama *oothixo babo, okanye nisebenzise amagama oothixo babo xa nifunga, ningabanquli abo thixo nikhahlele kubo.

8. Ndaweni yaloo nto nina namathelani kuNdikhoyo, nenze njengoko senenzile unanamhla.

9. UNdikhoyo unigxothele izizwe ezikhulu nezinamandla ekungeneni kwenu, akwabikho bani unako ukumelana nani edabini.

10. Nditsho nomntu omnye kuni angachitha-chitha iwaka eyedwa, kuba kaloku uNdikhoyo uThixo wenu uyanilwela njengoko wathembisayo.

11. Ze nigcise ke ngenxa yobomi benu, uNdikhoyo uThixo wenu nimthande,

12. kuba kaloku xa nithe natyeka kuye nazibandakanya nezi ntlanga ziseleyo apha, nendiselana nazo,

funda isahluko epheleleyo Uyoshuwa 23