Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyoshuwa 23:1-8 Ibhayibhile (XHO96)

1. Lakuba ligqithile ithuba elide *uNdikhoyo uwaphumzile amaSirayeli ezintshabeni zawo ezaziwangqongile; noYoshuwa ngoku wayeselemdala aluphele.

2. UYoshuwa wawabiza onke amaSirayeli, amadoda amakhulu, iintloko zezindlu, abalamli, kunye nabanye abangamagosa, wathi kubo: “Sendaluphele; ndigugile mna ngoku.

3. Niyibonile yonke into ayenzileyo ngenxa yenu uNdikhoyo kuzo zonke iintlanga zalapha. UNdikhoyo uThixo wenu ubesoloko enilwela kaloku.

4. Khumbulani ukuba isizwe ngasinye kuni ndisabele umhlaba waso kumhlaba weentlanga endizitshabalalisileyo, kwanezo zisaseleyo phakathi kweJordan nolwandle ngasentshonalanga.

5. UNdikhoyo uThixo wenu nguye ngenkqu owozigxotha phambi kwenu; wovulela nina indawo. Ke ngoko lo mhlaba ngowenu njengoko kanye wathembisayo.

6. Ngoko ke yomelelani, ninyamekele nithobele yonke into ebhalwe kwincwadi yomthetho kaMosis, ningashiyi nendawo le.

7. Nize ningazibandakanyi naba bantu basaseleyo apha, ningabizi namagama *oothixo babo, okanye nisebenzise amagama oothixo babo xa nifunga, ningabanquli abo thixo nikhahlele kubo.

8. Ndaweni yaloo nto nina namathelani kuNdikhoyo, nenze njengoko senenzile unanamhla.

funda isahluko epheleleyo Uyoshuwa 23