Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyoshuwa 22:2-10 Ibhayibhile (XHO96)

2. wathi: “Nikufezile konke enakuyalelwa sisicaka *sikaNdikhoyo uMosis, nayithobela yonke imiyalelo yam.

3. Unanamhla aniwashiyanga enyanyeni amawenu, koko ninyamekele ukuthobela umthetho kaNdikhoyo uThixo wenu.

4. Ngoku ke uNdikhoyo uThixo wenu uwaphumzile amawenu, njengoko wathembisayo. Ke ngoko godukani niye kumhlaba ongowenu ongakwicala elingasempumalanga yeJordan, lowo nawunikwa nguMosis isicaka sikaNdikhoyo.

5. Kambe maze ninyaniseke ngokupheleleyo ekuwuthobeleni umyalelo nomthetho eniwuwiselwe nguMosis isicaka sikaNdikhoyo, othi: ‘Mthande uNdikhoyo uThixo wakho; mthobele ezintweni zonke, uyigcine imiyalelo yakhe, unamathele kuye, umkhonze ngomxhelo wonke nangomoya wakho wonke.’ ”

6. Emva koko ke uYoshuwa wabasikelela wabandulula bagoduka.

7. Kaloku uMosis wayabele isiqingatha sesizwe sakwaManase umhlaba eBhashan, kanti ke yena uYoshuwa wabela esinye isiqingatha sesizwe sakwaManase umhlaba ongasentshona kweJordan kunye namawabo.UYoshuwa wabandulula wabasikelela wathi:

8. “Ngoku nigoduka nizizityebi, ninemfuyo eninzi, nesiliva, negolide, ubhedu, nentsimbi, nemfumba yezambatho. Ze niwabele amawenu kumaxhoba eniwafumene ezintshabeni.”

9. AmaRubhen namaGadi nesiqingatha samaManase bagoduka. Amanye amaSirayeli bawashiya apho eShilo kwelamaKanana, basinga kwelakowabo eGiliyadi, ababeyifumene ngokomyalelo kaNdikhoyo kuMosis.

10. Zathi zakufika eGeliloti ngaseJordan eKanana izizwe zakwaRubhen nakwaGadi noManase osempuma, zakha into enkulu yeqonga lamadini apho phezu komlambo.

funda isahluko epheleleyo Uyoshuwa 22