Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyoshuwa 21:4-13 Ibhayibhile (XHO96)

4. *Iqashiso lokuqala laphumela imizi yendlu yabaLevi bakwaKohati, babelwa izixeko ezilishumi linantathu, ezazikummandla wakwaJuda, nowakwaSimon, kunye nowakwaBhenjamin.

5. Inxalenye yemizi kaKohati yabelwa ishumi lezixeko ezazikwaEfrayim, kwaDan, nakwisiqingatha sasentshonalanga sakwaManase.

6. Indlu yakwaGershon yabelwa ishumi elinantathu lezixeko kummandla wakwaIsakare, nakwa-Ashere, kwaNafetali, nakwisiqingatha sakwaManase esiseBhashan.

7. Indlu yakwaMerari ngokwemizi yayo yabelwa ishumi elinambini lezixeko kummandla wakwaRubhen nakwaGadi nakwaZebhulon.

8. Njengoko uNdikhoyo wayetshilo kuMosis amaSirayeli ababela abaLevi ezi zixeko namadlelo ngokwenza amaqashiso.

9-10. Nazi ke izixeko ezabelwa abazukulwana baka-Aron, inzala kaLevi, bendlu kaKohati, ezazikummandla kaJuda noSimon: iqashiso laphumela bona kuqala,

11. babelwa isixeko sika-Arbha (uArbha wayenguyise ka-Anaki) le kuthiwa yiHebron ngoku. Nantso kweleentaba kwaJuda. Bayinikwa kunye namadlelo ayo,

12. kambe zona iilali eziyingqongileyo kunye namasimi zazisezabelwe uKalebhi unyana kaJefune, zaza zaba zezakhe.

13. Ukongezelela kwiHebron (eyayisesinye sezixeko zokuphephela) kwahlonyelwa nezi zixeko kubazukulwana bombingeleli uAron: iLibhena,

funda isahluko epheleleyo Uyoshuwa 21