Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyoshuwa 21:35-45 Ibhayibhile (XHO96)

35. iDimna, neNahali, namadlelo azo.

36. KwaRubhen babelwa zazine: iBhezere, iYaza,

37. iKedemoti, eMefati, namadlelo azo.

38. KwaGadi babelwa zazine: iRamoti-giliyadi namadlelo ayo (esinye sezixeko zokuphephela), iMahanayim,

39. iHeshbhon, neYazere, namadlelo azo.

40. Indlu kaMerari ke yabelwa ishumi linambini lezixeko zizonke, isabelwa ngokwezindlu zayo ngamaqashiso.

41-42. AbaLevi babelwa izixeko ezingamashumi mane anesibhozo zizonke kummandla wamaSirayeli. Zonke ezo zixeko ngazinye zazinamadlelo azo.

43. Wenjenjalo ke *uNdikhoyo ukuzalisekisa isithembiso awasenzayo kookhokho bamaSirayeli sokuba wowanika umhlaba. Ema kuloo mhlaba ke amaSirayeli akuba ewuthimbile.

44. Wezisa uxolo kulo lonke elo zwe uNdikhoyo, njengoko wabathembisayo ngesifungo ookhokho babo. Iintshaba zawo zonke zange zibe nakumelana nawo amaSirayeli kuba uNdikhoyo wayezinikela ezandleni zawo iintshaba zawo.

45. Wazigcina zonke izithembiso awazenza kumaSirayeli uNdikhoyo; ewe, akukho nalinye ilizwi alithethileyo angalifezekisanga.

funda isahluko epheleleyo Uyoshuwa 21