Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyoshuwa 19:45-51 Ibhayibhile (XHO96)

45. iYehudi, iBhene-bheraki, iGati-rimon,

46. iMeyakon, neRakon, kunye nommandla ojongene neJopa.

47. Athi akulahlekelwa ngumhlaba wawo amaDan aya kuhlasela iLeshem. Ayithimba yaba yeyawo akuba ebabulele abemi balapho. Ema apho, alijika negama layo iLeshem, athi ukuyibiza kwayo yiDan, eyithiya ngokhokho wawo uDan.

48. Ezi zixeko nezi lali zaba ngumhlaba owaba lilifa lesizwe sakwaDan.

49. Athi akugqiba ukuwaba amaSirayeli umhlaba, abela uYoshuwa unyana kaNune elakhe ilifa

50. ngokomyalelo *kaNdikhoyo. Amnika iTimnata-sera, isixeko awasicelayo. ITimnata-sera yayikweleentaba kwaEfrayim. Wasivusa eso sixeko uYoshuwa, wahlala apho.

51. UElazare umbingeleli, ekunye noYoshuwa unyana kaNune, kwakunye neentloko zezindlu zezizwe zakwaSirayeli, babeyaba le mimandla ngokwenza *amaqashiso phambi koNdikhoyo eShilo ngasekungeneni *kwesibingelelo. Bawaba ke ngolo hlobo loo mhlaba bada bagqiba.

funda isahluko epheleleyo Uyoshuwa 19