Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyoshuwa 15:9-16 Ibhayibhile (XHO96)

9. Usuka apho usinge emthonjeni waseNefetowa, ugqithele kwizixeko ezingakwintaba iEfron. Uyajika apho, ubheke ngaseBhala (oko kukuthi iKiriyati-yarim),

10. apho ujikela ngasentshonalanga yeBhala, ujonge kwintaba iSeyire, uphume kwicala elingasentla lentaba iYarim (oko kukuthi iKesalon), uhle uye eBhete-shemeshe, ugqithele eTimna.

11. Lo mda wawunyuka uye kwinduli engasentla kwe-Ekron, ujike ujonge eShikeron, udlule intaba iBhala, wenjenjeya ukusinga eYabheneli. Wawuhamba uyokuma ngolwandle

12. olwalungumda wangasentshonalanga.Ngaphakathi kwale mida kwakuhlala abantu bezindlu zikaJuda.

13. Inxalenye yommandla wakwaJuda wabelwa uKalebhi unyana kaJefune wesizwe sakwaJuda, ngokomyalelo *kaNdikhoyo kuYoshuwa. Wabelwa iHebron, isixeko sika-Arbha, uyise ka-Anaki.

14. UKalebhi wayikhuphela ngaphandle kweso sixeko inzala ka-Anaki. YayinguSheshayi, uAhiman, noTalmayi.

15. Wesuka apho waya kuhlasela abantu ababehlala eDebhiri ekwakusithiwa yiKiriyati-sefere mandulo.

16. UKalebhi wathi: “Intombi yam uAkesa ndoyendisela kumntu oya kuze ayihlasele ayithimbe iKiriyati-sefere.”

funda isahluko epheleleyo Uyoshuwa 15