Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyoshuwa 15:48-63 Ibhayibhile (XHO96)

48. Izixeko zeleentaba yayiyiShamire, iYatire, iSoko,

49. neDana, iKiriyati-sana (okanye iDebhiri),

50. iAnabhi, iEshtemo, kunye neAnim,

51. iGoshen, neHolon, kunye neGilo. Yayizizixeko ezilishumi linambini zizonke kunye neelali ezizingqongileyo.

52. YayiyiArabhu, iDuma, iEshan,

53. iYanim, iBhete-tapuwa, iAfeka,

54. iHumta, iKiriyati-arbha (yiHebron ke leyo), kunye neZiwore, izixeko ezilithoba kunye neelali ezizingqongileyo.

55. IMawon, iKarmele, iZifi, neJuta,

56. kunye neYizereli, iYokedim, neZanowa,

57. iKayin, neGibheya, kunye neTimna, izixeko ezilishumi zizonke kunye neelali ezizingqongileyo.

58. IHalehule, neBhete-zure, iGedore,

59. neMarati, kunye neBhete-anoti ne-Eltekon, yayizizixeko ezithandathu kunye neelali ezizingqongileyo.

60. Kwakukho neKiriyati-bhali (okanye iKiriyati-yarim) kunye neRabha: izixeko ezibini neelali ezizingqongileyo.

61. Entlango kwakukho iBhete-arabha, iMidin, iSekaka,

62. iNibheshan, isiXeko seTyuwa, kunye ne-Engedi: zazizithandathu kunye neelali ezizingqongileyo.

63. Kodwa ke kambe amaJuda akazanga aba nako ukuwagxotha amaJebhusi awayemi eJerusalem. Asahlala apho nangoku kunye noonyana bakaJuda.

funda isahluko epheleleyo Uyoshuwa 15