Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyoshuwa 15:47-61 Ibhayibhile (XHO96)

47. Yayikwalapho iAshdode kunye neGaza kwanezixeko neelali zazo, zithe thande de kuye kuthi xhaxhe kwintlambo ekuthiwa yeyeJiputa nakunxweme lolwandle.

48. Izixeko zeleentaba yayiyiShamire, iYatire, iSoko,

49. neDana, iKiriyati-sana (okanye iDebhiri),

50. iAnabhi, iEshtemo, kunye neAnim,

51. iGoshen, neHolon, kunye neGilo. Yayizizixeko ezilishumi linambini zizonke kunye neelali ezizingqongileyo.

52. YayiyiArabhu, iDuma, iEshan,

53. iYanim, iBhete-tapuwa, iAfeka,

54. iHumta, iKiriyati-arbha (yiHebron ke leyo), kunye neZiwore, izixeko ezilithoba kunye neelali ezizingqongileyo.

55. IMawon, iKarmele, iZifi, neJuta,

56. kunye neYizereli, iYokedim, neZanowa,

57. iKayin, neGibheya, kunye neTimna, izixeko ezilishumi zizonke kunye neelali ezizingqongileyo.

58. IHalehule, neBhete-zure, iGedore,

59. neMarati, kunye neBhete-anoti ne-Eltekon, yayizizixeko ezithandathu kunye neelali ezizingqongileyo.

60. Kwakukho neKiriyati-bhali (okanye iKiriyati-yarim) kunye neRabha: izixeko ezibini neelali ezizingqongileyo.

61. Entlango kwakukho iBhete-arabha, iMidin, iSekaka,

funda isahluko epheleleyo Uyoshuwa 15