Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyoshuwa 15:12-28 Ibhayibhile (XHO96)

12. olwalungumda wangasentshonalanga.Ngaphakathi kwale mida kwakuhlala abantu bezindlu zikaJuda.

13. Inxalenye yommandla wakwaJuda wabelwa uKalebhi unyana kaJefune wesizwe sakwaJuda, ngokomyalelo *kaNdikhoyo kuYoshuwa. Wabelwa iHebron, isixeko sika-Arbha, uyise ka-Anaki.

14. UKalebhi wayikhuphela ngaphandle kweso sixeko inzala ka-Anaki. YayinguSheshayi, uAhiman, noTalmayi.

15. Wesuka apho waya kuhlasela abantu ababehlala eDebhiri ekwakusithiwa yiKiriyati-sefere mandulo.

16. UKalebhi wathi: “Intombi yam uAkesa ndoyendisela kumntu oya kuze ayihlasele ayithimbe iKiriyati-sefere.”

17. UOteniyeli unyana womntakwabo-Kalebhi uKenazi wasithimba ke eso sixeko, waza uKalebhi wayendisela kuye intombi yakhe uAkesa.

18. Bakuba betshatile wacenga uOteniyeli amvumele acele umhlaba kuyise. Wehla kwidonki awayekhwele kuyo uAkesa, waza uKalebhi wabuza wathi: “Kwenzeke ntoni?”

19. Wathi ukuphendula uAkesa: “Ndicela intsikelelo. Kaloku umhlaba ondinike wona ukwindawo ebharhileyo. Nceda undinike imithombo.” UKalebhi ke wamnika imithombo angasentla nengasezantsi.

20. Lo ngumhlaba owabelwe izindlu zesizwe sakwaJuda, waba lilifa lazo:

21. Izixeko zabo ezazisemazantsi, ezo zazikufuphi nomda wase-Edom, yayizezi: iKabhezeli, iEdere, iYagure,

22. iKina, iDimona, iAdada,

23. iKedeshe, iHazore, i-Itenana,

24. iZifi, iTelem, iBheyaloti,

25. iHazore-hadata, iKeriyoti-hezeron (okanye iHazore),

26. iAmam, iShema, iMolada,

27. iHazare-gada, iHeshmon, iBhete-pelete,

28. iHazare-shuwali, iBheshebha, iBhiziyotiya,

funda isahluko epheleleyo Uyoshuwa 15