Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyoshuwa 15:1-6 Ibhayibhile (XHO96)

1. Nguwo lo umhlaba owabelwa izindlu zesizwe sakwaJuda *ngamaqashiso: Lo mhlaba waya kutsho kumda wase-Edom ezantsi kwentlango.

2. Lo mda wangasezantsi wawucanda kwincam engezantsi yoLwandle oluFileyo,

3. uhle ubheke ezantsi ukusuka kwiNkalo yooNomadudwana, ugqithele eZin. Wawutyhutyha amazantsi eKadeshe-bhaneya, udlule eHezeron, unyuke usinge eAdare, ujike ujonge ngaseKareka,

4. wenjenjeya usinga eAzemon, ugudle intlambo ekuthiwa yeyeJiputa, ujonge elwandle, apho ufika ume khona. Ngumda ongasezantsi wakwaJuda ke lowo.

5. Umda wangasempumalanga wawuluLwandle oluFileyo, wenjenjeya uye kutsho apho umlambo iJordan ungena khona elwandle.Wawuqala apho umda wangasentla,

6. unyuke ubheke ngaseBhete-hogela, ubheke entla eBhete-arabha. Wawusuka apho unyukele kwiLitye likaBhohan (uBhohan ngunyana kaRubhen),

funda isahluko epheleleyo Uyoshuwa 15