Testamente Endala

Testamente Entsha

Uyoshuwa 11:7-16 Ibhayibhile (XHO96)

7. Nanko ke uYoshuwa nomkhosi wakhe wonke eyiqubula loo mikhosi ngakuloo mlanjana iMerom.

8. Wayinikela ezandleni zabo loo mikhosi uNdikhoyo, bayoyisa, bayisukela ukuya kutsho emantla eMisefoti-mayim naseSidon enkulu, kwaya kutsho entshonalanga kuloo ntili yaseMizpa. Babatyakatya kwada akwabikho namnye useleyo.

9. Ngokomyalelo kaNdikhoyo uYoshuwa wawatsheca imisipha loo mahashe abo, watshisa nezo nqwelo zabo.

10. Wajika apho uYoshuwa, waya kuthimba iHazore, wayibulala nekumkani yalapho. (Ngaloo mihla iHazore yayisesona sikumkani siyinjinga kwezo zalapho.)

11. Kwabulawa wonke umntu apho, akwasinda namnye, neso sixeko satshatyalaliswa ngomlilo.

12. Wazithimba zonke ezo zixeko ezinookumkani uYoshuwa, ebulala wonke umntu kwanokumkani, kanye njengoko wayeyalelwe nguMosis isicaka sikaNdikhoyo.

13. Kambe ke akazange azitshise amaSirayeli izixeko ezazakhiwe ezindulini; yaba yiHazore yodwa awathi uYoshuwa mayitshiswe.

14. AmaSirayeli emka nawo amaxhoba nemfuyo yezo zixeko. Ababulala bonke abantu, akashiya namnye.

15. Kaloku uNdikhoyo wayalela uMosis, waza uMosis yena wayigqithisela kuYoshuwa loo miyalelo, ke yena uYoshuwa wayithobela. Wenza konke okwayalelwa nguNdikhoyo kuMosis.

16. UYoshuwa wawuthimba wonke loo mhlaba: eleenduli, amazantsi eentaba ngasemantla nangasemazantsi, wonke ummandla waseGoshen, nentlango esezantsi, kwakunye naloo ntili yeJordan.

funda isahluko epheleleyo Uyoshuwa 11